I-agro-ikholoji yinzululwazi ekwayintshukumo. Luhlobo lolimo olulinganisa imvelo kwindlela olwenziwa ngayo. Luxhomekeke kwizinto ezifumaneka efama kunezo zenzeka ngaphandle. Lolunye lwezona ndlela zolimo zizinzileyo nolukwanyamekela okusingqongileyo. Lujolisa ekulungiseni ukungalingani kwiinkqubo zokutya njengokungalingani ngokwesini, ukusasazwa ngokulinganayo komhlaba, ukwenziwa kweemarike zifumaneke ekuhlaleni nokufumaneka kwezinto eziqhelekileyo njengamanzi, amahlathi, izithole njl njl.
I-agro-ikholoji ibalulekile ekubeni ingapheli xa ithelekiswe nolimo lwezorhwebo. Ixhomekeke kwizinto zemvelo neze-oganiki ezingayingcolisiyo indalo, kuquka umhlaba namanzi. Ikwakhuthaza ukuhlala kunye kwendalo ize ivumele izinto ezidaliwweyo ukuba zihlalisane zize zisebenzisane. Ukungahlakulwa kakhulu komhlaba okukhuthazwa kwi-agro-ikholoji kukwakhuthaza ukuba kugcinwe amanzi nomhlaba. Oku enyanisweni kunciphisa iindleko zokulungiswa komhlaba njengoko kusetyenziswa ubugcisa obufanelekileyo kuphela. Ukongezelela, i-agro-ikholoji ikhuthaza ukumanyana koluntu kuba eyona nto luyenzayo kukusebenza kunye njengabahlali.
Kukho umahluko omkhulu phakathi kokutya okuveliswe nge-agri-ikholoji noko kuveliswe ngolimo lorhwebo Imveliso eyenziwe ngolimo lwezorhwebo ayihlali xesha lide eshelufini xa ithelekiswa naleyo ye-agro-ikholoji. Ukutya okuveliswe kumzi-mveliso kusengozini yokutyhefeka ngamachiza ahamba nokuveliswa kwako. Kanti kuye kwaphawulwa ukuba ukutya okukhuliswe nge-agro-ikholoji kunencasa emnandi kakhulu kunoko kwenziwe kwimizi-mveliso.
Kuyintsomi eqhelekileyo ukuthi i-agro-ikholoji ifanele nje ukulimela isisu. Enyanisweni, iagro-ikholoji ingasetyenziselwa ukondla uluntu luphela. Kukho ubungqina elizweni lonke nasehlabathini jikelele bokuba kukho iifama ezinkulu ezirhwebayo ezisebenzisayo i-agro-ikholoji. Enyanisweni yiyo kuphela indlela yokulima enokugcina ihlabathi linokutya okusempilweni. Kukho iindlela ezinokusetyenziswa xa umntu esebenzisa i-agro-ikholoji ngezinga eliphakathi okanye ngomkhamo omkhulu.