Umbutho i-Inyanda ukhathazeke kakhulu ngokubulawa ngokungabinalusini kuka-Lindokuhle Mnguni, ongumMhlali ngaphambili wombutho wasekuhlaleni eKhenana Commune ngomhlwa we- 20 Eyethupha (August) 2022. Kushicilelo, loxolelwaniso, umbutho ugqithise amazwi anzulu ovelwano kusapho lwakwaMnguni kunye nezihlobo, kubahlali base Khenana kunye nabaseMjondolo kuquka namaqabane. uMnguni lilungu lesithathu lasekuhlaleni ukugetyengwa kulonyaka. Ngenyanga yoKwindla (March) Ayanda Ngila wagetyengwa kancinci emveni koko ngenyanga yeCanzibe (May) uNokuthula Mabaso naye wagetyengwa.

Ngeloxesha uRhulumente woMzantsi Afrika uyaqhubekeka ukuphikisana nemithetho yakhe, abahlali base Khenana bamile baluqilima benethemba lokuba kukhona okuzoba yinzuzo. Kodwa endaweni yokuba abahlali bafumane inkxaso, kusuke kwabanendawo yomlo nenkcuku kwezo polotiko ngabo bangaphandle ebahlalini benayo neyabo imiba yezopolitiko eyenziwa kukunyoluka. Iyothusa into yokuba abantu xa besenza inkululeko kulawulo lwemibutho yabo kunye nasekutyeni badibana nemilo neemfazwe kwaye babulawe uphawule uMhlali ngphambili wombutho i-Inyanda, Moipone Jwayi.

“umbutho i-Inyanda uma emva kwabahlali base Khenana. Unganikezeli kuloyiso lwakho, sukulahla ithemba! Abanomgogwana bafuna ukuzisa uloyiko kubahlali base Khenana, ngeloxesha kukho igazi elininzi eseliphalele. Sinyanzelisa ukuba uMphathiswa wamaPolisa u-Bheki Cele, enze uphando kwaye uphando lubaluleke wolekile u-Jwayi.

Umbutho ubize umbutho wabantu wokuphikisa ukuba uqulunqe iqonga lokungcikiva abo basemagunyeni, ingakumbi abasebenzi kwicandelo lokhuseleko, ukuba kutheni bengakwazi ukukhusela okukuqulunqwa kokugetyengwa kubahlali base eKhenana. Umbutho i-Inyanda ufuna icandelo lezokhuseleko licacise esidlangalaleni ukuba zeziphi inxaxheba nenzame abazazimisa ukukhusela ukunganweni kokugetyengwa kwamaqabane.

Comments are disabled.