Ilizwi Lamafama elithetha “the voice of the farmers” ngumbutho owasekwa wasekwa ngamafama asekuhlaleni eMpuma Koloni. Inamalungu angaphaya kwekhulu eMpuma Koloni nakwamanye amaphondo afana neKwaZulu Natal. Injongo yalo mbutho kukuvakalisa amafama,imiceli-mingeni nemizabalazo yawo ngokubanzi. Lo mbutho uyazingca ngokwenza i-agroecology kwaye uyakuphepha ukusebenzisa imbewu ye-GMO enokuba yingozi ebantwini nakwizityalo eziphilayo.

Amalungu eIlizwi Lamafama aphuma koomasipala abohlukeneyo abafana nomasipala waseRaymond Mhlaba, iBuffalo City neAmahlathi. Umasipala ngamnye unomceli mngeni owahlukileyo xa kufikelela kumhlaba namanzi. Umzabalazo ngamnye ufuna indlela eyahlukileyo.

Ukulandela ubhubhani we-Covid-19 kunye nokuvalwa kwelizwe, kuye kwaba nzima ukuququzelela njengentshukumo kwaye amalungu ebengasasebenzi njengangaphambi kokuvalwa. Amalungu elizwi Lamafama exhaswa nguLulama Joe Nkopo ophuma kwiTrust for Community Outreach and Education (TCOE), Aaron Ranayeke (TCOE), Andile Mapisa (Inyanda National Land Movement) kunye no Comrade Jende (Inyanda National Land Movement) emva koko bakhokele inkqubo yokuvuselela intshukumo ngoFebruwari nangoMatshi 2023. Injongo kukufumana iindlela njengeqela lokwakha ngokutsha intshukumo. “Le nkqubo iyinxalenye yokuvuselela i-Inyanda National Land Movement. Ukomelezwa kwemibutho yengingqi kunye nemibutho yindlela yokuqinisekisa ukuba kukho isiseko esiluqilima se-Inyanda, kuba kulapho kuzakwenzeka khona imizabalazo yalapha,” wongeze watsho uRanayeke waseTCOE.

Elinye lamaphulo abalulekileyo acetywayo liphulo lamanzi. “Kubaluleke kakhulu ukuba umbutho Ilizwi Lamafama udibane nabantu abachaphazeleka ngokuthe ngqo yimeko yamanzi kwaye izikhalazo zabantu bazise ezitalatweni nakwii-ofisi [zorhulumente wengingqi]. Ide ingxaki yamanzi ijongwe ngulo rhulumente sikhoyo asizoyeka ukulwela amalungelo abantu omhlaba namanzi,” ucacise watsho Andile Mapisa we Inyanda National Land Movement nonkwangunobhala we Camridge youth project eMonti.

Amalungu omasipala waseBuffalo City naseAmahlathi avumelene ngokudibana nabahlali ukuze baqonde ukuba ingxaki yamanzi ibachaphazela njani na. Iindawo ezifana neXhugwala, Mnxumbu, Dimbaza kunye neQonce azinamanzi kwaphela. Abantu ngamanye amaxesha kufuneka bathenge amatanki eJojo ngelixa abanye bekha amanzi emilanjeni. Iindawo ezifana nomasipala waseBuffalo City, ezifana neNxarhuni kunye neCambridge, ziyawafumana amanzi kodwa amanzi awakufanelanga ukuwasebenzisa njengamanzi okusela. Ngelixa abanye abantu bekwazi ukuthenga amanzi acocekileyo uninzi lwabo abanako ukuze bathembele kumanzi abilayo ngaphambi kokuba bawasebenzise njengamanzi okusela.

Comments are disabled.