“Umlinganiselo wokuhluma koqoqosho eMzantsi Afrika uphantsi kakhulu ukuba ungalwa nemiceli-mngeni yobuhlwempu nentswela-ngqesho” (UMphathiswa Wezimali, uEnoch Godongwana, 26 Oktobha 2022)
Umgaqo-nkqubo Wohlahlo-lwabiwo Mali lweKota Ephakathi lukaMphathiswa uGodongwana luka-2022 (MTBPS) luyavuma ukuba urhulumente woMzantsi Afrika usilele ukumelana ngokuzimisela nemingeni ephindwe kathathu yobuhlwempu, intswela-ngqesho nokungalingani.. UMphathiswa Wezimali uyavuma ukuba uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika ‘luphantsi kakhulu ukuba lungalwa nobuhlwempu nentswela-ngqesho.” I-MTBPS ibonisa ngokubhekele phaya ukuba urhulumente akanasicwangciso sicacileyo sokunciphisa ukungalingani.
Ukuhluma koqoqosho okuphantsi eMzantsi Afrika eneneni akothusi. Uhlumo loqoqosho beluphantsi ngokoyikisayo kangangeminyaka emininzi, nto leyo ebangele ukuba umlinganiselo wentswela-ngqesho kweli lizwe ube ngomnye weyona iphakamileyo ehlabathini. Abantu abamalunga ne- 2.3 miliyoni baye baphulukana nemisebenzi ukususela ekuqaleni kuka- 2020. Phakathi kwezinye izizathu, imbonakalo yoqoqosho ayikathembisi ngenxa yokuncipha kumacandelo abalulekileyo oqoqosho. Ngenxa yembonakalo enkenenkene yoqoqosho akukho themba lokuphinda ifumaneke imisebenzi ebalahlekeleyo abantu, asisathethi ke ngokuvula amathuba amaninzi emisebenzi emitsha enesidima.
Amaphononongo awahlukeneyo aye abonisa iinzuzo ezininzi kuqoqosho nentlalo otshitsho kwezemihlaba, kuquka ukwandisa amathuba engqesho, nto leyo angayiqondiyo urhulumente. Sekunjalo, i-MTBPS ikhupha imali encinci yophuhliso lomhlaba. Ukusilela kukarhulumene ukuxhasa ngemali uphuhliso lomhlaba kuye kwakhokelela ekubeni sixhomekeke ezivenkileni ukuze sifumane ukutya okusisiseko. Oko kuphumele ekuthini uMzantsi Afrika ube sesichengeni ngakumbi omothuko kwiimalike zehlabathi, nto leyo eyenza ukutya kungafikeleleki ngakumbi ze abantu bashiyeke bengazi ukuba baza kulala betye ntoni kwixesha elizayo.. Urhulumente uye wayeka ukomeleza iinkqubo zokutya ekuhlaleni wakhetha iindlela zolimo ezingazinzanga. Ulwabiwo-mali ludiza ukuba urhulumente okhoyo akanazinjongo zokubambelela kwizithembiso zakhe zophuhliso lomhlaba.
Ngenxa yoqikelelo lwe-infleshini lukaNongxowa wesizwe oluyi- 5,1%, iza kuhla ngokwenene inkcitho kuluntu. Oku kuhla kwinkcitho yezempilo, imfundo kwakunye nokhuseleko sakugqiba ukuba nentlekele yentswela-ngqesho, kuza kubashiya besenkathazweni abazizigidi, abasele belamba izisu zithe nca emqolo, bengamahlwempu yaye beswele umsebenzi. Ngenxa yokungabikho kwamathuba emisebenzi, izigidi zamahlwempu nabantu abangaphangeliyo baxhomekeke ngokupheleleyo kwiinkxaso karhulumente esengxakini ngoku kuba urhulumente ebopha ibhanti.
Iqela elilawulayo liye layibekela ecaleni imbopheleleko yalo yokumisela iBasic Income Grant (BIG). Kunoko, ulwabiwo-mali luvumela ukongezwa ngonyaka omnye kweNkxaso-mali Yentlekele ye- R350 Oku kwenzeka nakuba amandla okuthenga e- R350 ephantsi kakhulu ngenxa ye-infleshini, ukususela ekuqaleni kwayo ngo- 2020.
I-MTBPS ka- 2022 ibonisa ukuba amahlwempu akanabani.

Comments are disabled.