UMakukhanye ngumbutho wokuhlala, olwela amalungelo abantu kwezo mhlaba kunye Nophuhliso ekuhlaleni.olwelwa abahlala, nabasebenza ezifamana.Kuba uMakukhanye yenye yemibutho exhasa nelwa nodushe olusekelezwe kwamanina. Yenye emibutho endlala indima ebalulekileyo ekuxhaseni amaxhoba athe axhatshazwa ngokwe sonto nangenisini, kwinkundla zamatyala.

Kwinyanga ezigqithileyo lombutho ubuthe gqolo ukuya ezinkundleni zamatyala,exhasa abo bathe bangamaxhoba odushe olusekelezwe kwamanina, kuzo zonke inginqi osebenza kuwo, kwaye onke latyala ahambha ngonyawo lonwabo, nokunga bonakalisi ukuba kuyaze kubekho ubulungisa obuyakuthi benzeke.kwaye namaxhoba amemelela ukuba kwenziwe ubulungisa ngoku khawulezileyo.

Rhoqo ngonyaka nge ngenyanga YeThupha ku vuyiswana Namanina apha e Mzantsi Afrika ukususela ngexesha lobandlululo.kodwa isimo asitshintshi ,siya sibangela unxunguphalo kuma Nina Eli lomzantsi afrika.kwaye kuya kusanda iziganeko zoku xhatshwazwa kwabese tyini,ngendlela engathandekiyo,ne hlamlisa umzimba.kwaye kuyabonakala xana sele sifikelela kule nyanga yoku vuyisana namanina, kungona abase tyini bexhatshazwa, bebulawa, bedlwengulwa, lonto isinika umqa, nexhala elingapheliyo singabahlali base Mzantsi Afrika.

Umbutho I Makukhanye ithe yabamba intlanganiso namanina ase Thornhill kumasipala wase Kouga kwi Holo loluntu. Amanina ase kuhlaleni abonakalisa uthakazelelo olukhulu futhi baphuma ngobuninzi ukuzozimasagxhwala olusuku lwamanina.Injongo yabo yokuba bayibambele kule nginqi yase Thornhill,lentlangano ikumila kunje yeyokuba ngenye yenginqi ethwaxhwa ngamandla ziziganeko zoku xhatshazwa kwamanina, Intswela ngqesho ndawonye nokungabikho kweziseko zophuhliso lwezakhono kumanina.

Unobhala welikhasi u “Mzi” uthe wadlana indlebe nomama Betty Trongo (69)noyinzalwelwane yalenginqi yase Thornhill usebenze kwimi butho eyahlukaneyo yokuhlala ezisa uphuhliso eluntwini. Betty ngomnye womama abaye bane galelo elikhulu ekusekweni kombutho iMakukhanye ukwangu mfuyi osakhasayo, ofuye ibhokhwe , inkomo, ihagu , kwaye engumlimi ophume izandla.

Mzi
Njenge Nina, ithetha ukuthini kuwe le nyanga yokubhiyozela amanina?

Betty Trongo, ithetha lukhulu kum,lenyanga kuthi singomama, sivuyisana ngendima esithe sayidlala ngexesha lobandlululo,Ne gcinezelo eyayi sekelwezwe kwabantu aba bhinqileyo.Nokulwelwa inkululeko yabo,kuba ngexesha lobandlululo singabantu abanga manina besinga kwazi ukwenzanto iza Nophuhliso kumanina amnyama ngokwe bala.kwaye lonto yasenza asakwazi nokuzithembha ngoku pheleleyo.

Mzi
Luthini olwakho ulovu,kwamatyala anento kwenza nento nokuxhatshazwa kwama Nina lawo asezi nkundleni,axhaswa ngumbutho ka Makukhanye?

Betty Trongo:
Olwam uluvo,ndiyavuya xa singo mama sixhasana wakuba omnye umama ehlukunyeziwe,nanxana ehlukunyeziwe umntwana wakhe oyintombi.apho ibuhlungu khona,kuxana inkundla zamatyala,zihambha ngonyawo lonwabo ekuphumezeni ubulungisa,nokugwebela kwicala lomrhanelwa .zibakhuphele ngaphandle ngoku nga qondaka liyo.

Mzi:
Ingaba onke lamaqonga,ancedisana nokulwa koxhatshazwa kwa manina afana “Nekhomishini Yama lungelo abantu? aluncedo ngokupheleleyo?

Betty Trongo:
Awalolulo tuu uncedo lamaqonga;siyaphela qha singomama nezomali kuthiwa ziyakhutshwa ngurhulumente, siziboni zisebenza ekulweni lenxaki yokuxhatshazwa kwethu singo Mama.

Mzi:
Ukunqongophala kwamanzi,ucimi cimi wombane,intswelo nqesho zinichaphazela njani ninga manina?

Betty Trongo:
Zonke ezomeko zibeka uxinzelelo kumntu onguMama;kuba amanzi ayimfuneko kuthi ngamandlakuba sipheka ngamanzi,funeka bavase ngawo abantwana ukuba bakwazi ubheka Eskolweni nase xesheni kwaba bangama ntombazana kwaye isininzi sethu singo Mama sisebenzisa izinto zombane.Hayike Yona eyokunga phangeli,bade abantwana bethu nathi sizi njubaqa me nxwaleko ngokuthi singawufumani umsebenzi,Kodwa siyaya ezikolweni nabantwan a siyabathumela khona,nqi uku phangela emveni koko

Mzi:
Ingaba usuku lokubhiyozela aManina luthetha inkululeko kuwe njengo Mama?

Betty Trongo:
Luthetha lukhulu olusuku kuthi komama,sifumana ithuba lokuba sithethe ngemi cimbhi ethile,edibanisa omama,nemi celi mgeni ethi idle umzi nenqale kuthi nqo.kulapho sicebisana khona,sakhana khona.Nangona siyifumene inkululeko
yokuba singavota,nokukhusela amalungelo ethu,kodwa singeka khululeki ngoko mnotho,ayikabi yinkululeko leyo ncam.

Mzi:
Ingaba ubulungisa buyoze benziwe na kwabo bangama xhoba odushe lwesini?

Betty Trongo:
Ukuba inkundla zamatyala bezinga kwazi ukugwebela nakwi cala Lo mrhanelwa,amaxhoba bewezo kwazi ukuba bafumane ubulungisa ngoku pheleleyo;kwaye naye urhulumente kufuneka asingcedise ekulweni udushe olusekelwezwe kumanina,yiyo lonto sisazi buza lombuzo,wokuba luyoze liuphele nhaa. Udushe olusekelwezwe kwabese tyini.Endinothi ndiba cebise khona,ukuba Bafuna inkululeko mabaye eskolweni,ukuze umntwana oyintombazana azafunama inkululeko yakhe ngokupheleleyo nokunga xhomekeki kubantu abanga madoda.

Comments are disabled.