Umbutho wasezilalini nowabasebenzi obizwa ngokuba yiMakukhanye wasekwa ngo-2010 eBeersheba kumasipala iSundays River Valley liqela lamafama asakhasayo, abantu abangenamihlaba, abantu abasokola ukufaka amabanga abo emihlaba, ulutsha nabantu ababhinqileyo. Injongo yalo mbutho kukuba kubekho ubulungisa ekuhlaleni, kuphele ukungalingani, ukucinezelwa nokuxhatshazwa baze abahlali bakwazi ukuzimela.

Lo mbutho uya usanda ngokwanda ibe ngoku ukwiindawo ezingaphezu kwezilishumi kumasipala iSunday River Valley, iKouga neNelson Mandela Municipality. IMakukhanye ilwela amalungelo amafama nabahlali basezilalini kunye nokufikelela kumhlaba neenkonzo zikarhulumente. “Kwiindawo ezininzi ezisezilalini, abantu abatsha namabhinqa kunzima ukuba afumane umsebenzi. Eli zinga liphezulu lentswela-ngqesho libangele kwanda ulwaphulo-mthetho. Umbutho wethu uveza ikroba lokubuyisela isidima eluntwini,” kutsho uMziwoxolo Sume nonguSihlalo Wengingqi weMakukhanye.

Ebudeni beminyaka eyi-13 edlulileyo, lo mbutho ukhokele amaphulo ukuze kulingiswe izinto ezahlukahlukeneyo ezichaphazela abahlali basemaphandleni ezifana nokunqaba kwamanzi, ukuhlukunyezwa kwabantu ngenxa yesini (GBV), ukufikelela kumhlaba nokususwa kwabantu kwiindawo abahlala kuzo. Unobhala weMakukhanye Women’s Forum, uSindiswa Mnamatha uthi “ukuba sifuna kubekho utshintsho oluza kuhlala luhleli, kufuneka sakhe umbutho wazwelonke owomeleleyo.”

NgoJulayi 2022, lo mbutho wenza inkqubo yokufunda nokuceba ukuze uzihlole, ujonge nezinto ezomeleleyo nezibuthathaka kuwo njengoko uzama amacebo abaza kuwasebenzisa njengombutho. Enye injongo yale nkqubo yokufunda eyathatha iintsuku ezimbini yayikukuqinisa ubunkokheli namaphulo eMakukhanye. Unobhala weMakukhanye, uNtombentsha Nelana, ucacisa ngelithi “umbutho ozimeleyo nowomeleleyo nongeyonxalenye yemibutho yeepolitiki bekumele ubekho ukuze utshintshe le meko sizibhaqe sikuyo njengabemi baseMzantsi Afrika.”

Ikomiti Eyintloko yeMakukhanye ibunjwa nguSihlalo uMziwoxolo Sume, Usekela-sihlalo uMgcini Mbejane, Unobhala uNtombentsha Nelana, Usekela-nobhala uSphosethu Skeyi noNondyebo uEmily Chitha. Lo mbutho uceba ukuqinisa isandla kwiphulo lengxaki yamanzi Kwalanga, Kwanobuhle, ePeterson naseHumansdorp. Iphulo leGBV ingakumbi kwiindawo ezifana naKwalanga, eBlaukrants naseHumansdrop. Lo mbutho uceba ukusingatha intlanganiso yokuhlola indlela oza kusebenza ngayo ngoJuni/Julayi 2023.

Comments are disabled.