Abameli abasuka ku TCOE, nombutho i-Inyanda national Land Movement kunye ne Rural Women’s Assembly (umbutho wamanina wasemaphandleni) badibene namalungu ombutho i-Abahlali base Mjondolo ukuxoxa malunga nendlela yokuqinisa umanyano phakathi kwemibutho. Le ntlanganiso ibibanjwe ngomhla weshumi elinesibini kuJune 2022 (12 June 2022) kwiOfisi i-Abahlali base Mjondolo.

Abameli bamnkwelwa lisekela Mhlali ngaPhambili lwe-Abahlali base Mjondolo, u-Mqapheli Bonono, uNobhala Thapelo Molapo noMhlali ngaPhambili wase e-Khenana Commune uLindokuhle Mnguni. Umbutho i-Inyanda unikezele ngeempahla ezaziqokelelwe ngamalungu e-Abahlali baseMjondolo ababechatshazelwe zizikhukhula ezitshabalalisayo kulonyaka. I-kwaZulu-Natal ihlaselwe kabini zezizikhukhula kulonyaka, kuqale ngo April yaphinda ngo May.

Amatsha-ntliziyo aboniswa eKhanana jikelele ngeloxesha. U-Mnguni ubalisa imbali yombutho. Amalungu eKhanana okha iholo, elalibizwa ngo Frantz Fanon. Umbutho usebenzisa eliholo ukutya izidlo kunye njengabahlali, ukubamba iintlanganiso, ukwenza imibhiyozo yezithethe, nokufundisa abantwana. Abahlali banabachweli babo abaqeqeshiweyo ukulungisa umbane kunye nemibhobho, abafakela umbane, amanzi kunye nezindlu zangasese. Lo mbutho uphinde ubenesitiya esinamasimi nezityalo kuquka iimbotyi, nomngqusho ukondla abahlali. Lo mbutho wakhe wavula ivenkile kodwa bathi yatshatyalaliswa ngabaphikisana nawo.

Abahlali baseMjondolo babelane ngenkcukacha ngendlela amanye amalungu abo abulawa ngokungenalusini. Umfi u-Ayanda Ngila wadutyulwa wabulawa ngo-March 2022.U-Ngila wayesebenza esitiyeni sombutho apho amadoda amabini anqumla umlambo aqala amdubula. Ngo-May, uNokuthula Mabaso wabulawa ngamadoda amabini amdubula phambi kwabantwana bakhe abane. Mabaso wayenguMhlali ngaPhambili we-Khenana kumbutho wamanina, kwaye wayelingqina ekubulaweni kukaAyanda.

Lilonke amalungu angamashumi amabini anesithathu wombutho i-Abahlali baseMjondolo babulawa kwiminyaka embalwa egqithileyo. Abahlali bahlala ngokoyika ngenxa yokukubulawa kungaka. Umbutho woleke ngelithi abanye bamalungu awo babanjwa kungeyo mfuneko babekwe izityholo kwaye batyholwa ngobuxoki ngamatyala abangawenzanga.

Kodwa umbutho i-Abahlali baseMjondolo bema bagqiba besithi bona bazoqhubeka besenza okulungileyo kwaye beqinisekile bekholelwa ekubeni ngenyimini umzamo wabo awuzobalilize.

Comments are disabled.