UMncedi Baart ngumfama weenyosi nemifuno ohlala eSeymour, eFort Beaufort eMpuma Koloni. Uqale ukulima ngo-2012 emva kokusokola ukufumana umsebenzi kulandela ukwenzakala okwamshiya engakwazi ukuhamba. Okuvuyisayo kukuba, wakhulela kwintsapho eyayikuthanda ukulima. Yaba zezi zakhono zokulima ekwakufuneka athembele kuzo xa wayengakwazi ukufumana umsebenzi. Ngaphandle kwemifuno kunye neenyosi, uBaart ukwanazo iinkukhu kunye neebhokhwe kwifama yakhe.
Nangona enze isicelo soncedo lukarhulumente ngokufama kwakhe, uBaart akafumani nkxaso yemali okanye naluphi na olunye uhlobo lwenkxaso kumasebe afake isicelo kuwo ukuze amncede. Endaweni yoko, uBaart usebenzisa imali yakhe yegranti yakwaSASSA ukuthenga iimveliso eziyimfuneko azidingayo njengezithole, izichumisi kunye nokuqesha abasebenzi ukuze agcine ishishini lakhe lasefama liqhubeka.
UBaart uzimisele ngakumbi ngokufuya iinyosi zakhe. “Ndingathanda ukubona amanye amafama esandisa amashishini awo ekufuyeni iinyosi. Akunzima ukuyigcina, nabani na onokuyenza. Abantu banembono yokuba ukufuya iinyosi kokwamadoda kuphela kwaye mna ngokwam andivumelani noko. Abasetyhini kunye nolutsha nabo bangayenza,” utshilo uBaart.
Uhambo lukaBaart lokufuya iinyosi lwaqala ngo-2020, xa wayechongelwe ikhosi yoqeqesho lokufuya iinyosi. Umasipala wakhe wakhetha amafama alishumi kwilali yakhe ukuba agqibezele uqeqesho eFort Beaufort. Lwakuba lugqityiwe uqeqesho, umlimi ngamnye wafumana iibhokisi ezimbini zeenyosi azakuqala ngazo ukufuya iinyosi. Kumafama alishumi angenele isifundo, uBaart nguye yedwa umfama osafuya iinyosi. UBaart ude wakwazi ukunyusa iibhokisi zakhe ukuya kutsho kwiibhokisi ezilishumi elinesixhenxe. Ngelishwa, ezimbini kwezi bhokisi zeenyosi ziye zabiwa kwaye ngoku usele neebhokisi ezilishumi elinesihlanu kuphela. “Iphupha lam kukufumana iibhokisi ezingaphezulu ezilishumi ukuze ndenze iibhokisi zeenyosi ezingamashumi amabini anesihlanu ukugcina ikhonkco lokubonelela kunye nemfuno yeshishini lobusi” utshilo uBaart.
“Kuthatha malunga neenyanga ezintathu ukuya kwezine ukuvuna iinyosi. Nangona kunjalo, kufuneka ukwazi ukunyamekela iinyosi ngokutyala iintyatyambo ezijikelezayo kunye nokubonelela ngamanzi angekho kude kwiibhokisi zeenyosi. Qinisekisa ukuba akukho zintshukumo zijikeleze iibhokisi zeenyosi njengezilwanyana emini ukunqanda ukuba iinyosi zizulazule” ucacise watsho uBaart. Wongeze ngelithi kubaluleke kakhulu ukunxiba iimpahla ezikhuselayo xa ujonga iinyosi ukunqanda ukuba iinyosi zikulume.
UBaart kufuneka ahambe esuka kwilali yakhe, eSeymour ukuya kwidolophu yasePeddie ukuze alungise ubusi abuvunayo kuba engenazo izixhobo zokulungisa ubusi bakhe. UBaart ukwafuneka aqeshe iveni ukuthutha iibhokisi zobusi. Kodwa ngaphandle kwemiceli mngeni kunye neendleko, akatyhafi kwaye uhlala enomdla wokukhulisa ishishini lakhe lokufuya iinyosi.
UBaart udibene nomfama waseZambia owabonakalisa umdla wokuthenga ubusi kuye, kodwa ebengekakulungeli ukubonelela ngesi sikali. UBaart uthi: “Andinakukwazi ukuzithengela yonk’ into. Ngoku ucinga ngokucela amanye amafama ukuba amdibanise nokufuya iinyosi, “ukuba sibaninzi kweli shishini singathumela ngaphandle iilitha ezaneleyo ngenyanga ngaphandle kokusilela.”
UBaart ukwakuthanda kakhulu ukuqeqesha abanye ngokufuya iinyosi, ingakumbi kumanina nolutsha. “EMpuma Koloni maninzi amathuba amafama iinyosi. Ndizimisele ngakumbi ukubaqeqesha ngolwazi nezakhono endizifumene ngokufuya iinyosi. Uqeqesho luzakuthatha iintsuku ezintathu kuphela ukugqiba.” Uthi ukuqala ukufuya iinyosi akunzima kakhulu, “Into oyifunayo kukufumana ubuncinane iibhokisi ezilishumi zeenyosi ukugcina ikhonkco lokubonelela. Akukho mfuneko yokuba ndifumane umntu ophakathi kwishishini lam lokufama iinyosi kuba bathatha phantse i-90% yenzuzo.”
Ekuqaleni kwalo nyaka, u-Baart uzibandakanye nenkqubo yamafama amancinane ukuphuhlisa ulwazi lwakhe lwamashishini amancinci kunye nezakhono. Rhoqo ngooLwezine, uphuma kowabo ngo-06h30 ukuya kufumana isithuthi esiza kumsa eFort Cox eAlice apho enza khona izifundo zamashishini amancinci. Kodwa ngaphambi kokuba emke kwikhaya lakhe, kufuneka avuke kwangethuba ukuze aqale ahlole iinkuku zakhe zenyama neebhokhwe. UBaart ufunda nzima kwaye usebenza ezi yure zinde kakhulu, ngeenzame zokuqinisekisa ukuba ishishini lakhe lokufama liya kuba yimpumelelo.
UBaart ngoku ucela umntu ukuba acinge ngokutyala imali kwishishini lakhe lokufama iinyosi kwaye uyacacisa, “Ndingavuya kakhulu ukuba umSamariya olungileyo angatyala iibhokisi ezilishumi zeenyosi kwishishini lam. Ukuba nabani na ozimiseleyo ukufaka isandla okanye ukuthenga ezi bhokisi uyakwamkelwa kakhulu,” utshilo uBaart.