
UKUVELA KWENKUMBI EZIMDAKA EMPUMA KOLONI
Ubume nokuguquka kwemo yezulu
Lonto ayiseyongxaki kuba abahlali abahlelelekileyo nabalimi abasakhulayo ingabona abachaphazelwa lolutshintsho lwemo yezulu, kwaye yenza bona babenengeniso encinci. Le meko yemo yezulu iquka imbalela, nogumbe, ukuphuma kwezinambuzane ezincinci kunye nezifo, ukukhankanya ezimbalwa.
Ekuqaleni kukaMay, ezinye iindawo eMpuma Koloni zahlaselwa luninzi lwenkumbi ezimdaka. Iindawo ezachaphazelekayo ziquka Xhora (Alice), Burnshill, Fort Cox, Mathole kwakunye nenxenye kaMasipala iSunday River Valley. Ezi nkumbi zinobungozi ziyaphazamisa kwaye zitshabalalisa izivuno, iintsimi kunye namadlelo. Ukuba zither zangena entsimini, azishiyi kwanto umlimi kufuneka aqale ekuqaleni ukulima. Ezi nkumbi zenza oku ngentseni, kwaye isininzi sazo singasigqiba isivuno kangangemizuzu engamashumi amathathu kangangendlela ezi nkumbi ezinobungozi ngayo.
ZINGAKHUSELEKA KANJANI EZI NKUMBI ZIMDAKA
Akululanga ukuzikhusela ngoba ziza zininzi kwaye akubikho nesilumnkiso xa zizovela, kodwa zikhona indlea ezinokwenziwa ukunqanda lelahleko.
Kungasetyenziswa lemigaqo ilandelayo ukulawula nokunqanda lentlekele:
- Setyenziswe izikhuseli zelanga ukugquma amasimi.
- Setyenziswe itonele yeplastiki.
- Kutsitswe: amayeza angasetyenziswa kancinci,lamayeza ayasebenziseka endalweni, kwaye atsala lula iinkumbi kwindawo encamathelayo kwaye neenkumbi zincamathele eludongeni oluncamatheleyo.
- Ukusasazwa kwengqokelela yokutya okuyityhefu okusetyenziswa ukugzotha iinkumbi elifumileyo ligalelwe ngesandla kangangomlinganiselo omnye entsimini lonto yenzeke ngonyezi, kubonise ukuba yeyona ndlela efanelekileyo.
- Ucoceko lwamasimi: ukugcina izityalo zicocekile, uquka imida kuluncedo ngelinye ixesha ukulawula ukukhasa kweenkumbi.
- Ukutsitswa keendawo: leyo ingenziwa liSebe elijongene nophuhliso emaphandleni (Department of Rural Development).
Abalimi bayacetyiswa ukuba bamangalele ukubakho kweenkumbi ezindaweni zabo, bamangale kwigosa elisebenza ngazo ukuze bafumane uncedo olukhawulezileyo.
Kunokubetha bethana ngolwazi lokutsitsa iinkumbi ingakumbi eMiddledrift. Amanye amalungu asekuhlaleni oyikisela iziphumo zolutsitso neempilo zabo kunye nempilo yendalo.
Kwabanye, ukutsitswa kwezinkumbi lelonacebo lilungileyo okwangoku, kude kubekho icebo elisempilweni lokulawula ezi nkumbi elivelayo.